Uisaya 55:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo unimema esenjenje:“Yizani nonke nina ninxaniweyo;yizani xa ninonke, nanga amanzi.Yizani nonke, nabo bangenamali;thengani, naku ukutya nitye.Yizani nizenzele kwiwayini nobisi;xa iyonke loo nto sisimahla.

2. Sanukuchitha imali ngento engahluthisiyo.Ngani ukuba nibulaleke ninganeli noko?Ndiphulaphuleni nize nindithobele,khon' ukuze nixhamle ubuncwane obanelisayo.

3. Bekani indlebe, nize kum;phulaphulani, nixhamle ubomi.Ndonenzela umnqophiso waphakade,ndiniphathe ngezibele endazithembisa uDavide,

Uisaya 55