13. Oonyana bakho baya kufundiswa *nguNdikhoyo,ikamva labo ndilithi jize ngenkqubela noxolo.
14. Ndokuxhasa ngobulungisa nolungelelwano;ingcinezelo sobe ibe sakuchukumisa,futhi akusayi kugrogriswa mntu konke.
15. Nabani na okuhlaselayo uchasene nam;umntu olwa nawe akasayi kuphumelela.
16. “Kaloku umtyhidi udalwe ndim lo;ubasa umlilo aze atyhide izixhobo.Kwankqu nejoni elitshabalalisayo lidalwe kwandim lo,nditsho elo lisebenzisa ezo zixhobo.