Uisaya 54:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Jerusalem exhwalekileyo, sixekondini siselusizini,nkedamandini engenaye nomthuthuzeli,mna ndiza kukwakha ngamatye odidi,iziseko zakho ndizizinzise ngamatye anqabileyo.

12. Iinqaba zakho ndozakha ngeerubhi,amasango ndiwakhe ngamatye abengezelayo,iindonga ndizijikeleze ngamatye anqabileyo.

13. Oonyana bakho baya kufundiswa *nguNdikhoyo,ikamva labo ndilithi jize ngenkqubela noxolo.

14. Ndokuxhasa ngobulungisa nolungelelwano;ingcinezelo sobe ibe sakuchukumisa,futhi akusayi kugrogriswa mntu konke.

15. Nabani na okuhlaselayo uchasene nam;umntu olwa nawe akasayi kuphumelela.

16. “Kaloku umtyhidi udalwe ndim lo;ubasa umlilo aze atyhide izixhobo.Kwankqu nejoni elitshabalalisayo lidalwe kwandim lo,nditsho elo lisebenzisa ezo zixhobo.

Uisaya 54