Uisaya 53:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

6. Sonke salahleka njengeegusha,elowo wabhadula ngeyakhe indlela;ke yena uNdikhoyo wamwisela ngobugwenxa bethu sonke.

7. “Ewe, yena waphathwa gadalala,kodwa wathi cwaka, akakhalaza tu.Waba njengexhwane eliya kuxhelwa,wathi cwaka njengegusha ichetywa;ewe, akawuvulanga umlomo wakhe.

8. Wanqanyulwa ngengcinezelo nesigwebo.Kwisizukulwana sakhe ngubani oyiqondileyo le nto?Inene, wanqanyulwa kwelabaphilayo;wabethwa ngenxa yezikreqo zamawethu.

9. Engcwabeni walala nezikhohlakali,ngokunjalo nesityebi ekufeni kwakhe,nakuba wayengenzanga lugonyamelo,engazange waba ngokhohlisayo.”

10. Kanti yintando kaNdikhoyo ukuba abandezeleke abulawe,khon' ukuze ukufa kwakhe kube lidini lokungxengxezela izono.Ngoko ke wobona nezizukulwana;uya kukhula ade akhokhobe;ngaye intando kaNdikhoyo yofezekiswa.

Uisaya 53