14. Abo babanjiweyo sebeza kukhululwa;abayi kufa, koko bodla ubomi obude,bangalambi, koko baxhamle intlutha.
15. Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho;mna ndiyalushukumisa nolwandle,amaza alo atsho agragrame.Igama lam nguNdikhoyo uSomandla-onke.
16. Mna ndawatwabulula amazulu,ndazaneka iziseko zehlabathi.KwiZiyon ke ndithi:‘Ke wena ungowam;imfundiso yam ndikunikile,futhi ke ndiyakukhusela.’ ”
17. Vuka! Vuka, Jerusalem!Phaphama ude uphakame!Kaloku usizekile isohlwayo akuphathele sona *uNdikhoyo;usiqongqoloze sada sakunxilisa.
18. Ngoku ke akakho okukhokelayo –namnye kubantu bakho –engekho nakoonyana obazeleyo;tu umntu wokukurhuqa.
19. Kuwe ilishwa lishwabene ngokuphindiweyo:umhlaba wakho uvukuzeliswe yimfazwe;abantu bakho bamemethwa yindlala.Ngubani ke onokukuthuthuzela?
20. Oonyana bakho zizigede eziyobayo;bathe tywaa ezitalatweni phaya.Sebefana nenxala emgibeni.Batyakatywa yingqumbo kaNdikhoyo;umsindo woThixo wakho uphezu kwabo.
21. Yiva, Jerusalem ebandezelekileyo,wena ugxadazela ungaselanga.
22. Utsho uMhlekazi uNdikhoyo,nditsho uThixo wakho lo ukuthethelelayo:“Ngoku ndiyayisusa kuwe le ndebe,ingqumbo le ndakuseza yona,le isuke yakugxadazelisa;ngoku sobe ube sayixhamla.
23. Ndoyinika abakuphakele ingcinezelo,abo bakwenze umgaqo wokuhamba,abo bakuxangxathe ngeenyawo,abo bakuxovule njengomhlaba.”