Uisaya 5:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Makhe ndintyiloze ndivum' ingoma,ingoma ngogxa wam nesidiliya sakhe.Ugxa wam wayenesidiliyakwinduli echuma kunene.

2. Wawuphethula umhlaba, wawageqa amatye,waza watyala idiliya yodidi.Kwalapho wakha nemboniselo;ngokunjalo wenza nesixovulelo.Waza ke wanqumama ekholosile;suka ke zona iidiliya zavela zingezizo.

3. “Athi ke, nina bemi baseJerusalem,ngokunjalo nani, bantu bakwaJuda!Ndiyanibongoza, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam.

4. Ngaba yintoni endingasenzelanga yona?Yiyiphi enye into engendisenzele yona?Ngaba uphi undonakele?Kaloku mna ndithe ndijonge iidiliya,suka sona savelisa ezingezizo.

Uisaya 5