Uisaya 49:13-26 Ibhayibhile (XHO96)

13. Memelelani ngovuyo, nina mazulu;yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba;hlokomani nivume, nina zintaba!Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe;uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.

14. Ke yena uZiyon uthi:“Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele;iNkosi isuke yandilibala.”

15. Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?Noba ke yena angade amlibale,okokwam ke mna soze ndikufulathele,

16. kuba igama lakho ndilivambile,ndilithe tyaba esandleni sam;iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.

17. Bayeza oonyana bakho;baza kuphinda bakuvuse;abakutshabalalisayo bayemka.

18. Khawulaqaze uqwalasele:nâbo oonyana bakho bexhontelana;nâbo bebuya begxalathelana.Ndiyafunga mna Thixo ophilayo,nawe wozingca ngoonyana bakho,uxel' umtshakazi ngobuyoko-yoko bakhe.

19. “Ngenene ilizwe lakho labhukuqwa lada labharha,kodwa ngoku loba lincinane kunabo,lingabalingani abo babuyela kulo;abo balibhukuqayo boba sebekude.

20. Abantwana obazalele ekuxhwalekeningeny' imini baya kuthi kuwe:‘Lo mhlaba mncinane gqitha;sivulel' indawo, ukuze sime nathi!’

21. Uya kwandula ke uthi:‘Ndibathathe phi abantwana abangaka?Ndandingaphathi, ndiludlolo;kaloku ndathinjwa ndagxothwa.Kambe ke bakhuliswe ngubani aba?Mna ndasala ndiyimpula kalujaca,ngaba luphuma phi na usapho olungaka?’ ”

22. UMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Ndiya kuzikhweba iintlanga,ndiziphakamisele imbasa yam izizwe,zitsho zize nalo usapho lwakho,zibabeleke oonyana bakho,zizifunqule iintombi zakho.

23. Ookumkani boba ngabondli bakho,ookumkanikazi babe ziineni zakho;bothi vovololo, benik' imbeko kuwe,borhuqa phantsi ngentlonipho,utsh' uqond' ukuba ndinguNdikhoyo,soze badane abo bathembela ngam.”

24. Ungalohlutha na ixhoba lejoni?Ungamkhulula na umthinjwa kulowo umthimbileyo?

25. Kambe yena uNdikhoyo uthi:“Yiloo nto kanye eza kwenzeka:amaxhoba othathwa kumajoni,abathinjwa bakhululwe kubathimbi.Baxabene nam abo balwa nawe;usapho lwakho lona ndiluhlangule.

26. Abakucinezelayo ndobatsho bavukelane;boqumba babe ngoomnqay' ulambile,noluntu lonke lutsho lundiqondeukuba ndinguNdikhoyo okusindisayo,mna Mkhululi wakho, iNgangamsha kaYakobi.”

Uisaya 49