11. Ndogqobhoz' iintaba, ndivul' uhola,abantu bam ndibahlahlel' indlela.
12. Bona bothi gqi kwelikude –nditsho kwelasentla nasentshonalanga –bophum' eSinim kwelasezantsi.”
13. Memelelani ngovuyo, nina mazulu;yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba;hlokomani nivume, nina zintaba!Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe;uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.
14. Ke yena uZiyon uthi:“Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele;iNkosi isuke yandilibala.”
15. Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?Noba ke yena angade amlibale,okokwam ke mna soze ndikufulathele,
16. kuba igama lakho ndilivambile,ndilithe tyaba esandleni sam;iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.
17. Bayeza oonyana bakho;baza kuphinda bakuvuse;abakutshabalalisayo bayemka.