1. I-i-i-nzwi! Bekan' iindlebe, zizw' ezikude!Yivani ke, nina nto zihlal' ekudeni!*UNdikhoyo wandibiza ndingekaliboni ilanga;ewe, wandikhankanya ndingekazalwa.
2. Wawenza amazwi am ahlaba njengekrele;ewe, yena wandifumbatha ngesandla,wandicikiza ngathi uhombisa utolo,wandithi xhwa sendilind' umayenzeke.
3. Ke yena wathetha nam, wathi:“Wena usisicaka sam, Sirayeli;ngawe ndibhengeza ubungangamsha bam.”
4. Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize;umzabalazo wam ungamampunge.Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo;nguThixo wam oya kundibuyekeza.”
5. UNdikhoyo owandibumba esizalweni,wandenza isicaka sakhe,ukuze ndibuyisele uYakobi kuye,ndiphuthume uSirayeli owabhacayo.Kaloku isidima ndisizuza kuNdikhoyo;amandla am ampompoza kuThixo wam.
6. UNdikhoyo uthethe wenjenje:“Njengesicaka sam akwanele okokuba ubuyisele ubuhandiba kwaYakobi,uphuthume amasalela kaSirayeli endiwalondolozileyo,koko ndikumisela ukuba ube lukhanyiso lweentlanga,ube lusindiso lwam olubandakanya ihlabathi jikelele.”
7. UYedwa, uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli,lowo unguMkhululi wakhe,uthi kulowo udelwe mpela-mpela,nditsho lowo ucatshukelwayo zizizwe,lowo usisicaka seziphathamandla:“Izikumkani ziya kukubona;ewe, ziya kuphakama zikhahlele,namatshawe aya kuvova ee guqaqa!”Yonke loo nto ke iza kwenzekakuba uNdikhoyo ekunyule wena ukuze ube sisicaka sakhe,nditsho uThixo onguYedwa kaSirayeli othembekileyo.
8. *UNdikhoyo uthi:“Ayeza amathuba akholekileyo,imihla yokusindiswa.Ke mna ndiya kukusiza,ndisabele ndakuva uzibika.Ndiya kukwalúsa ndikukhusele,ngawe ndenze umnqophiso nabantu.Ngawe ndolibuyisela kubantu bam ilizwe,ndilabe eliyinkangala libe lilifa,