1. I-i-i-nzwi! Bekan' iindlebe, zizw' ezikude!Yivani ke, nina nto zihlal' ekudeni!*UNdikhoyo wandibiza ndingekaliboni ilanga;ewe, wandikhankanya ndingekazalwa.
2. Wawenza amazwi am ahlaba njengekrele;ewe, yena wandifumbatha ngesandla,wandicikiza ngathi uhombisa utolo,wandithi xhwa sendilind' umayenzeke.
3. Ke yena wathetha nam, wathi:“Wena usisicaka sam, Sirayeli;ngawe ndibhengeza ubungangamsha bam.”
4. Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize;umzabalazo wam ungamampunge.Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo;nguThixo wam oya kundibuyekeza.”
5. UNdikhoyo owandibumba esizalweni,wandenza isicaka sakhe,ukuze ndibuyisele uYakobi kuye,ndiphuthume uSirayeli owabhacayo.Kaloku isidima ndisizuza kuNdikhoyo;amandla am ampompoza kuThixo wam.
6. UNdikhoyo uthethe wenjenje:“Njengesicaka sam akwanele okokuba ubuyisele ubuhandiba kwaYakobi,uphuthume amasalela kaSirayeli endiwalondolozileyo,koko ndikumisela ukuba ube lukhanyiso lweentlanga,ube lusindiso lwam olubandakanya ihlabathi jikelele.”
7. UYedwa, uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli,lowo unguMkhululi wakhe,uthi kulowo udelwe mpela-mpela,nditsho lowo ucatshukelwayo zizizwe,lowo usisicaka seziphathamandla:“Izikumkani ziya kukubona;ewe, ziya kuphakama zikhahlele,namatshawe aya kuvova ee guqaqa!”Yonke loo nto ke iza kwenzekakuba uNdikhoyo ekunyule wena ukuze ube sisicaka sakhe,nditsho uThixo onguYedwa kaSirayeli othembekileyo.
8. *UNdikhoyo uthi:“Ayeza amathuba akholekileyo,imihla yokusindiswa.Ke mna ndiya kukusiza,ndisabele ndakuva uzibika.Ndiya kukwalúsa ndikukhusele,ngawe ndenze umnqophiso nabantu.Ngawe ndolibuyisela kubantu bam ilizwe,ndilabe eliyinkangala libe lilifa,
9. amabanjwa uwathethele uthi:‘Yinkululeko; khululekani;’uthi kwabo basebumnyameni:‘Phumani, nize ekukhanyeni.’“Bona baya kutya ngasezindleleninjengeegusha ezitya ezindulini.
10. Abayi kubuya balambe banxanwe;ilanga lentlango aliyi kubenzakalisa.Baya kwaluswa ngulowo unovelwano,abakhokelele kwimithombo empompozayo.
11. Ndogqobhoz' iintaba, ndivul' uhola,abantu bam ndibahlahlel' indlela.
12. Bona bothi gqi kwelikude –nditsho kwelasentla nasentshonalanga –bophum' eSinim kwelasezantsi.”
13. Memelelani ngovuyo, nina mazulu;yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba;hlokomani nivume, nina zintaba!Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe;uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.