Uisaya 48:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kambe ke wena bendisazi ukuba uneenkani nqwa nesele,ntondini eqinis' intamo,lityendini lenyengane!

5. Kungoko ndazibhengeza kwakudala ezi zinto,izehlo ndazixela ngaphambi kokuba zenzeke,khon' ukuze wena ungabi nako ukuthi leyo yimisebenzi *yezithixo ozinqulayo.

6. Konke endakuxelayo kwenzekile.Vuma kaloku!Kanti ke ngoku ndiza kuxela into entsha,imfihlakalo eningazange nayazi.

7. Ewe, ndiyidala ngoku;into enje zange yenzeke ngaphambili.Okanye ke ngowusithi ubuyazi kakade.

8. Zange uve uqonde nakuqonda,kuba ubungenako kakade.Bendikwazi ukuba wena awuthembekanga;ndiyakwazi ukuba ungumvukeli owaziwayo.

9. Ngenxa yegama lam ndibuya nganeno ngomsindo;ngenxa yodumo lwam ndiyazithibazaukuze ndingakutshabalalisi.

10. Andinivavanyanga eziko okwesiliva,kodwa ndinivavanye ngehambo-nzima.

11. Kungenxa yam ukuba ndenjenje;soze ndiliyekele ngehlazo igama lam,kungekho bani wosizuza neso sihomo.Andinikisi ngaso; sesam ndodwa.”

12. *UNdikhoyo uthi:“Bek' iindlebe uphulaphule, Yakobi,nditsho wena, Sirayeli endakubizayo.Mna ndinguNdikhoyo: ndingowokuqala,ndikwangowokugqibela.

13. Ndim owamisa iziseko zehlabathi;ndim lo owawatwabululayo amazulu.Ndithetha ngelizwi, zisuke zibekho.

14. Qokelelanani niphulaphule xa ninonke.Kakade sisiphi *isithixo esinokuvakalisa into enjengale?Ndinyule oza kuhlasela iBhabheli.Yena uza kwenza oko kufunwa ndim.

Uisaya 48