Uisaya 48:17-22 Ibhayibhile (XHO96)

17. Utsho ke *uNdikhoyo,uMkhululi wakho,uYedwa kaSirayeli:“Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho.Ndikufundisa nje kaloku ndiyakunceda;ndikufaka endleleni ekufaneleyo.

18. Akwaba wawuyiphulaphule imiyalelo yam.Ngelumpompoza njengamanzi uloyiso lwakho,budlobe okwamaza ubulungisa bakho.

19. Ngeba ke namhlanje inzala yakho yinyambalala engenakubalwa,lingaze linqanyulwe igama lakho,kananjalo lingaze litshabalale.”

20. Phuman' eBhabheli; washiyeni amaKaledi!Bhengezani ngemihlali;ewe, memezani nazis' abantu bonke, nithi:“UNdikhoyo usihlangule isicaka sakhe uYakobi.”

21. Ngokuya wayebakhokela kwinkqantosi ebharhileyoabantu bakhe zange bafe lunxano;wabakhuphela amanzi eliweni,suka waliqhekeza, aza ampompoz' amanzi!

22. Ewe, uNdikhoyo uthi:“Akukho ukonwaba kwabakhohlakeleyo!”

Uisaya 48