17. Utsho ke *uNdikhoyo,uMkhululi wakho,uYedwa kaSirayeli:“Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho.Ndikufundisa nje kaloku ndiyakunceda;ndikufaka endleleni ekufaneleyo.
18. Akwaba wawuyiphulaphule imiyalelo yam.Ngelumpompoza njengamanzi uloyiso lwakho,budlobe okwamaza ubulungisa bakho.
19. Ngeba ke namhlanje inzala yakho yinyambalala engenakubalwa,lingaze linqanyulwe igama lakho,kananjalo lingaze litshabalale.”
20. Phuman' eBhabheli; washiyeni amaKaledi!Bhengezani ngemihlali;ewe, memezani nazis' abantu bonke, nithi:“UNdikhoyo usihlangule isicaka sakhe uYakobi.”
21. Ngokuya wayebakhokela kwinkqantosi ebharhileyoabantu bakhe zange bafe lunxano;wabakhuphela amanzi eliweni,suka waliqhekeza, aza ampompoz' amanzi!
22. Ewe, uNdikhoyo uthi:“Akukho ukonwaba kwabakhohlakeleyo!”