Uisaya 47:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. UMkhululi wethu nguYedwa kaSirayeli;igama lakhe nguNdikhoyo uSomandla-onke.

5. UNdikhoyo uthi:“Yithi cwaka, ntombindini Bhabheli, uhlale ebumnyameni.Kaloku wena ngoku akusayi kuthiwa uyikumkanikazi yezizwe.

6. Besendinomsindo ngakubantu bam;ndide ndalishwabulela ilifa labo;suka ndabayekela esandleni sakho.Ke wena awubanga nanceba konke,neengwevu usuke wagadalala nakuzo.

7. Ubusithi wena woba sisimakade,uhlale uhleli uyikumkanikazi.Khange uzikhathaze nganto;khange uzidube nangokujonga isiphelo.

8. “Phulaphula ke, wena mthandi weziyolo;nditsho wena uzicingela ukuba ukhuselekile,nditsho wena uzilinganisa noThixo,wena othi nguwe okhoyo, akukho wumbi.Ubusithi wena soze ube mhlolokazi;soze ulahlekelwe bantwana.

9. Kodwa ngephanyazo nje – ngamini-nye –ilahleko yabantwana kunye nobuhlolokaziiza kukufikela nawe zikho ezo ngwebedla zakho,ekho loo makhubalo akho namaqwili;ewe, zofika ziphelelise.

Uisaya 47