1. *UNdikhoyo uthi:“Yihla esihlalweni, ntombindini Bhabheli;ewe, yiza nawe ukhe ugqush' eluthulini.Wena wakhe wayinzwakazi yentombi;oko kuguda nokuthamba ngoku kumkile.
2. Thath' ilitye, usil' ingqolowa;ewe kaloku, sikhulule isigqubuthelo;finyeza kaloku, uwel' imilambo.
3. Kaloku ngoku buza kudlula ubuze bakho;awukho kukuphoxeka nalihlazo.Kaloku mna ndiza kuziphindezela;ibe ke andizi kuba nalusini konke.”
4. UMkhululi wethu nguYedwa kaSirayeli;igama lakhe nguNdikhoyo uSomandla-onke.
5. UNdikhoyo uthi:“Yithi cwaka, ntombindini Bhabheli, uhlale ebumnyameni.Kaloku wena ngoku akusayi kuthiwa uyikumkanikazi yezizwe.
6. Besendinomsindo ngakubantu bam;ndide ndalishwabulela ilifa labo;suka ndabayekela esandleni sakho.Ke wena awubanga nanceba konke,neengwevu usuke wagadalala nakuzo.
7. Ubusithi wena woba sisimakade,uhlale uhleli uyikumkanikazi.Khange uzikhathaze nganto;khange uzidube nangokujonga isiphelo.
8. “Phulaphula ke, wena mthandi weziyolo;nditsho wena uzicingela ukuba ukhuselekile,nditsho wena uzilinganisa noThixo,wena othi nguwe okhoyo, akukho wumbi.Ubusithi wena soze ube mhlolokazi;soze ulahlekelwe bantwana.