Uisaya 47:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uthi:“Yihla esihlalweni, ntombindini Bhabheli;ewe, yiza nawe ukhe ugqush' eluthulini.Wena wakhe wayinzwakazi yentombi;oko kuguda nokuthamba ngoku kumkile.

2. Thath' ilitye, usil' ingqolowa;ewe kaloku, sikhulule isigqubuthelo;finyeza kaloku, uwel' imilambo.

3. Kaloku ngoku buza kudlula ubuze bakho;awukho kukuphoxeka nalihlazo.Kaloku mna ndiza kuziphindezela;ibe ke andizi kuba nalusini konke.”

4. UMkhululi wethu nguYedwa kaSirayeli;igama lakhe nguNdikhoyo uSomandla-onke.

5. UNdikhoyo uthi:“Yithi cwaka, ntombindini Bhabheli, uhlale ebumnyameni.Kaloku wena ngoku akusayi kuthiwa uyikumkanikazi yezizwe.

6. Besendinomsindo ngakubantu bam;ndide ndalishwabulela ilifa labo;suka ndabayekela esandleni sakho.Ke wena awubanga nanceba konke,neengwevu usuke wagadalala nakuzo.

7. Ubusithi wena woba sisimakade,uhlale uhleli uyikumkanikazi.Khange uzikhathaze nganto;khange uzidube nangokujonga isiphelo.

8. “Phulaphula ke, wena mthandi weziyolo;nditsho wena uzicingela ukuba ukhuselekile,nditsho wena uzilinganisa noThixo,wena othi nguwe okhoyo, akukho wumbi.Ubusithi wena soze ube mhlolokazi;soze ulahlekelwe bantwana.

9. Kodwa ngephanyazo nje – ngamini-nye –ilahleko yabantwana kunye nobuhlolokaziiza kukufikela nawe zikho ezo ngwebedla zakho,ekho loo makhubalo akho namaqwili;ewe, zofika ziphelelise.

10. Ubusithi uza kukhuselwa yinkohlakalo;usithi akukho bani ukubonayo.Ubulumko bakho nolwazi bukulahlekisile;usitsho nje ukuthi nguwe okhoyo, akukho wumbi.

11. Ngoku wena uzelwa sisithwakumbe,ibe nemilingo yakho ayinakuma ngaphambili.Uza kuqutyulwa sisibetho ongenakusingxengxezela,ufikelwe sisihelegu ongazange wasicinga.

12. “Bambelela kuloo makhubalo nezo ziphondo,njengoko kaloku walunyulelwa kuzo!Hleze kuthi kanti zisenokunceda;mhlawumbi ngazo ungazigrogrisa iintshaba.

Uisaya 47