Uisaya 47:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uthi:“Yihla esihlalweni, ntombindini Bhabheli;ewe, yiza nawe ukhe ugqush' eluthulini.Wena wakhe wayinzwakazi yentombi;oko kuguda nokuthamba ngoku kumkile.

2. Thath' ilitye, usil' ingqolowa;ewe kaloku, sikhulule isigqubuthelo;finyeza kaloku, uwel' imilambo.

3. Kaloku ngoku buza kudlula ubuze bakho;awukho kukuphoxeka nalihlazo.Kaloku mna ndiza kuziphindezela;ibe ke andizi kuba nalusini konke.”

4. UMkhululi wethu nguYedwa kaSirayeli;igama lakhe nguNdikhoyo uSomandla-onke.

5. UNdikhoyo uthi:“Yithi cwaka, ntombindini Bhabheli, uhlale ebumnyameni.Kaloku wena ngoku akusayi kuthiwa uyikumkanikazi yezizwe.

6. Besendinomsindo ngakubantu bam;ndide ndalishwabulela ilifa labo;suka ndabayekela esandleni sakho.Ke wena awubanga nanceba konke,neengwevu usuke wagadalala nakuzo.

7. Ubusithi wena woba sisimakade,uhlale uhleli uyikumkanikazi.Khange uzikhathaze nganto;khange uzidube nangokujonga isiphelo.

8. “Phulaphula ke, wena mthandi weziyolo;nditsho wena uzicingela ukuba ukhuselekile,nditsho wena uzilinganisa noThixo,wena othi nguwe okhoyo, akukho wumbi.Ubusithi wena soze ube mhlolokazi;soze ulahlekelwe bantwana.

9. Kodwa ngephanyazo nje – ngamini-nye –ilahleko yabantwana kunye nobuhlolokaziiza kukufikela nawe zikho ezo ngwebedla zakho,ekho loo makhubalo akho namaqwili;ewe, zofika ziphelelise.

10. Ubusithi uza kukhuselwa yinkohlakalo;usithi akukho bani ukubonayo.Ubulumko bakho nolwazi bukulahlekisile;usitsho nje ukuthi nguwe okhoyo, akukho wumbi.

11. Ngoku wena uzelwa sisithwakumbe,ibe nemilingo yakho ayinakuma ngaphambili.Uza kuqutyulwa sisibetho ongenakusingxengxezela,ufikelwe sisihelegu ongazange wasicinga.

Uisaya 47