Uisaya 45:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngenxa yesicaka sam uYakobi,nditsho uSirayeli endimnyulileyo,ndikubize ngegama,ndakuthi jize ngesihomo nesithozela,nangona wena ungandazi nje.

5. “Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi.Ndiya kukuxhobisa utsho uqinenangona wena ungandazi.

6. Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke,bazi emhlabeni wonke jikelele,baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo,bazi ukuba akukho Thixo wumbi.

7. Ndikudalile ukukhanya,kanti ke nobumnyama;ivela kum impumelelo,ngokunjalo neshwangusha;ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.

8. Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,ke wona umhlaba uya kulwamkelakutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”

9. Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?

10. Umntwana angamkhalazela na uyise nonina,athi: “Nindizalele ntoni?”

11. *UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,umdali wakhe, uthi:“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,nindinkqangise ngabantwana bam,nide nindixelele ngemfanelo yam?

Uisaya 45