3. Ndokunika ubutyebi obunqatyisiweyo;ewe, obugcinwe kwiindawo ezifihlakeleyo.Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo kaSirayeli;ngenene ndim okubize ngegama.
4. Ngenxa yesicaka sam uYakobi,nditsho uSirayeli endimnyulileyo,ndikubize ngegama,ndakuthi jize ngesihomo nesithozela,nangona wena ungandazi nje.
5. “Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi.Ndiya kukuxhobisa utsho uqinenangona wena ungandazi.
6. Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke,bazi emhlabeni wonke jikelele,baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo,bazi ukuba akukho Thixo wumbi.
7. Ndikudalile ukukhanya,kanti ke nobumnyama;ivela kum impumelelo,ngokunjalo neshwangusha;ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.
8. Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,ke wona umhlaba uya kulwamkelakutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”
9. Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?
10. Umntwana angamkhalazela na uyise nonina,athi: “Nindizalele ntoni?”
11. *UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,umdali wakhe, uthi:“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,nindinkqangise ngabantwana bam,nide nindixelele ngemfanelo yam?
12. Ndim owalenzayo ihlabathi;ndim owadala uluntu kulo;ngezam izandla ndawatwabulula amazulu;ndiyayilawula inyambalala yawo.
13. Ngobulungisa bam ndim oxhokonxe uKoreshi;ndoyityeneneza indlela ayihambayo.Isixeko sam iJerusalem wobuya asivuse;uza kubakhulula abantu bam abathinjiweyo.Loo nto woyenza ngaphandle kwembuyekezo;kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla-onke.”