1. Wenjenje *uNdikhoyo ukuthethanomthanjiswa wakhe uKoreshi,Kwiincwadi zesiNgesi kuthiwa nguSirasiamthe jize ngegunya namandla oloyiso jikelele,khon' ukuze avuthulule ookumkani,avulelwe zonke iingcango,angathintelwa ngamasango esixeko:
2. “Ndim ngokwam oya kukutshayelela;iinduli neentaba ndosuka ndizilebele,amasango enziwe ngobhedu ndiwakroboze,nemivalo yentsimbi ndiyivuthulule.
3. Ndokunika ubutyebi obunqatyisiweyo;ewe, obugcinwe kwiindawo ezifihlakeleyo.Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo kaSirayeli;ngenene ndim okubize ngegama.
4. Ngenxa yesicaka sam uYakobi,nditsho uSirayeli endimnyulileyo,ndikubize ngegama,ndakuthi jize ngesihomo nesithozela,nangona wena ungandazi nje.
5. “Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi.Ndiya kukuxhobisa utsho uqinenangona wena ungandazi.
6. Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke,bazi emhlabeni wonke jikelele,baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo,bazi ukuba akukho Thixo wumbi.
7. Ndikudalile ukukhanya,kanti ke nobumnyama;ivela kum impumelelo,ngokunjalo neshwangusha;ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.
8. Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,ke wona umhlaba uya kulwamkelakutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”