Uisaya 45:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wenjenje *uNdikhoyo ukuthethanomthanjiswa wakhe uKoreshi,Kwiincwadi zesiNgesi kuthiwa nguSirasiamthe jize ngegunya namandla oloyiso jikelele,khon' ukuze avuthulule ookumkani,avulelwe zonke iingcango,angathintelwa ngamasango esixeko:

2. “Ndim ngokwam oya kukutshayelela;iinduli neentaba ndosuka ndizilebele,amasango enziwe ngobhedu ndiwakroboze,nemivalo yentsimbi ndiyivuthulule.

3. Ndokunika ubutyebi obunqatyisiweyo;ewe, obugcinwe kwiindawo ezifihlakeleyo.Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo kaSirayeli;ngenene ndim okubize ngegama.

4. Ngenxa yesicaka sam uYakobi,nditsho uSirayeli endimnyulileyo,ndikubize ngegama,ndakuthi jize ngesihomo nesithozela,nangona wena ungandazi nje.

5. “Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi.Ndiya kukuxhobisa utsho uqinenangona wena ungandazi.

6. Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke,bazi emhlabeni wonke jikelele,baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo,bazi ukuba akukho Thixo wumbi.

7. Ndikudalile ukukhanya,kanti ke nobumnyama;ivela kum impumelelo,ngokunjalo neshwangusha;ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.

8. Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,ke wona umhlaba uya kulwamkelakutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”

9. Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?

10. Umntwana angamkhalazela na uyise nonina,athi: “Nindizalele ntoni?”

11. *UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,umdali wakhe, uthi:“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,nindinkqangise ngabantwana bam,nide nindixelele ngemfanelo yam?

12. Ndim owalenzayo ihlabathi;ndim owadala uluntu kulo;ngezam izandla ndawatwabulula amazulu;ndiyayilawula inyambalala yawo.

Uisaya 45