Uisaya 42:20-24 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ewe, ubonile kambe, Sirayeli;nto nje ayikuncedanga nto loo nto;uvile kambe nangeendlebe zakho,kodwa suka awaphulaphula.”

21. UNdikhoyo othembekileyo yena ulangazelel' ukunceda;imfundiso yakhe uyayiqaqambisa.

22. Kambe ke aba bantu zizisulu zokuxhatshazwa;sebatshixelwa kwamnyama-ndawo,bade baya kufihlwa ezintolongweni.Ziindwayi ezingamaxhob' ukuxhatshazwa;ziintw' ezingenabani wakuzihlangula.Akakho othi: “Godukani ngoku.”

23. Yaz'ba ngubani na ozimiseleyo ukuphulaphulaukuze aqonde kwixa elizayo?

24. Nguban' ophise ngoYakobi kubaphangi,onikele ngoSirayeli kubaxhaphazi?IkwanguNdikhoyo lo sikreqe kuye,sisuke asahamba ngendlela yakhe,suka asaphulaphula simthobele.

Uisaya 42