Uisaya 42:17-22 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ke bona abakholosa *ngemifanekiso,abo bayinqulayo besithi: ‘*Ningoothixo bethu,’ngenene baya kuphoxeka bahlazeke.”

18. *UNdikhoyo uthethe wathi:“Khaniphulaphule ke, nani zithulu;khangelani nibone, nani zimfama.

19. Kakade ngubani oyimfama kunesicaka sam?Sithulu saphi esidlula isigidimi sam?Ngubani oyimfama okwalowo ungowam;nditsho oyimfama njengesicaka sikaNdikhoyo?

20. Ewe, ubonile kambe, Sirayeli;nto nje ayikuncedanga nto loo nto;uvile kambe nangeendlebe zakho,kodwa suka awaphulaphula.”

21. UNdikhoyo othembekileyo yena ulangazelel' ukunceda;imfundiso yakhe uyayiqaqambisa.

22. Kambe ke aba bantu zizisulu zokuxhatshazwa;sebatshixelwa kwamnyama-ndawo,bade baya kufihlwa ezintolongweni.Ziindwayi ezingamaxhob' ukuxhatshazwa;ziintw' ezingenabani wakuzihlangula.Akakho othi: “Godukani ngoku.”

Uisaya 42