Uisaya 41:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Ke wena, sicaka sam Sirayeli,nditsho wena, ndlu kaYakobi,wena uluhlanga endilunyulileyo,uyinzala yesihlobo sam uAbraham.

9. Ndakulanda eziphelweni zehlabathi,ndakubiza kwiindawo ezisekudeni,ndaza ndathi: ‘Usisicaka sam.’Andikubukulanga; ndakunyula.

10. Ngoko ke ndinawe, sukoyika;ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.Ndiza kukomeleza ndikusize,amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

11. “Ke bona abo bakusunduzayo baya kuhlaziswa;ewe, abakulwayo soze babe nto.

12. Iintshaba zakho uya kuzifuna,kambe ke sobe uzifumane.Abalwa nawe bophel' emehlweni.

13. Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;ndokugcina ndikomeleze,ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’

14. “Ewe, mna Ndikhoyo ndithi:‘Ubuthathak' unjalo, Yakobi,nimbalwa ninjalo, Sirayeli,kodwa sukoyika, ndiza kukusiza.Mna Yedwa, Thixo kaSirayeli,ndim okukhululayo.’

15. Ndokutsh' ube ngathi usisileyi sokubhulaesinangayiway' amazinyo amatsha.Wozicol' iintaba uzivuthulule,iinduli uzicole zibe luthuli.

16. Uya kuzijiwuza emoyeni,ke won' umoya uzitsho ziphephetheke;uqhwithelo lozithatha lumke nazo.Ke wena utsho wonwatyiswe nguNdikhoyo,undidumise mna Yedwa kaSirayeli.

Uisaya 41