8. “Ke wena, sicaka sam Sirayeli,nditsho wena, ndlu kaYakobi,wena uluhlanga endilunyulileyo,uyinzala yesihlobo sam uAbraham.
9. Ndakulanda eziphelweni zehlabathi,ndakubiza kwiindawo ezisekudeni,ndaza ndathi: ‘Usisicaka sam.’Andikubukulanga; ndakunyula.
10. Ngoko ke ndinawe, sukoyika;ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.Ndiza kukomeleza ndikusize,amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.
11. “Ke bona abo bakusunduzayo baya kuhlaziswa;ewe, abakulwayo soze babe nto.
12. Iintshaba zakho uya kuzifuna,kambe ke sobe uzifumane.Abalwa nawe bophel' emehlweni.
13. Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;ndokugcina ndikomeleze,ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’
14. “Ewe, mna Ndikhoyo ndithi:‘Ubuthathak' unjalo, Yakobi,nimbalwa ninjalo, Sirayeli,kodwa sukoyika, ndiza kukusiza.Mna Yedwa, Thixo kaSirayeli,ndim okukhululayo.’