5. Ke ubungangamsha bukaNdikhoyo buya kutyhileka,lonke uluntu lububone.Kaloku lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”
6. Ndeva ilizwi lisithi:“Suka udanduluke uthethe.”Ndibuze ndathi: “Ndithethe ndithini na?”“Yithi: ‘Bonke abantu banjengengca;ubomi babo bulingana nobeentyatyambo.
7. Kaloku ingca iyabuna, ivuthuluke intyatyamboyakubethwa ngumoya kaNdikhoyo.Ngenene uluntu nqwa nengca.
8. Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.’ ”