Uisaya 40:24-29 Ibhayibhile (XHO96)

24. Zithi zingekatyalwa nokutyalwa,ewe, zingekamili nokumila oku,suka azibhudle ngomoya zibune,isaqhwithi simke nazo njengomququ.

25. “Ngubani ke eningandilinganisa naye,ingubani endingade ndifane naye?”Uyabuza uThixo onguYedwa.

26. Khawujonge phezulu esibhakabhakeni;zidalwe ngubani ezi zinto?Lo uzikhokela njengomkhosi iinkwenkweziyena uyalazi nenani lazo.Uzibiza ngamagama zonke ngazinye;ewe, akanganganto amandla akhe,ngoko akunakulahleka nob' ibe nye.

27. Ngani ke, Yakobi, ukuba ukhalaze,nditsho wena, Sirayeli, ukuba uthi:“UNdikhoyo akabuqondi ubume bam;uThixo wam akandazeleleli nganto”?

28. Kanti ngaba awazi na?Ngaba zange uve na?UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;yena ngumdali wehlabathi jikelele.Yena soze adinwe atyhafe,nengqiqo yakhe ayiphengululeki.

29. Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,umomelezi wâbo bangenamandla.

Uisaya 40