Uisaya 40:18-25 Ibhayibhile (XHO96)

18. Angalinganiswa nabani na uThixo?Khona, angafanekiswa nantoni?

19. Akafani nomfanekiso oqingqwa yingcibi,uze utyatyekwe ngegolide ngumnyibilikisi,uhonjiswe ngamakhonkco esiliva.

20. Ihlwempu elingenasiliva nagolidelithatha umthi ongàdliwayo yimpehla,lifune ichule lomchweli,lona loqingqa umfanekiso ongashukumiyo.

21. Ngaba anazi na?Ngaba zange nive na?Zange nixelelwe na kwamandulo?Anikuqaphelanga ukusekwa kwehlabathi?

22. Kaloku ladalwa ngulo ungqendeve esihlalweniemajukujukwini ngaphaya kwesibhakabhaka;kuye uluntu olu lunjengentothoviyane.Ngumtwabululi-sibhakabhaka njengomkhusane,asaneke njengentente yokuhlala.

23. Iinkosi uzitsho zigqush' eluthulini,izithwala-ndwe azivuthulule zingabi nto yanto.

24. Zithi zingekatyalwa nokutyalwa,ewe, zingekamili nokumila oku,suka azibhudle ngomoya zibune,isaqhwithi simke nazo njengomququ.

25. “Ngubani ke eningandilinganisa naye,ingubani endingade ndifane naye?”Uyabuza uThixo onguYedwa.

Uisaya 40