Uisaya 40:15-23 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngenene izizwe zifana nethontsi lamanzi ethungeni,nqwa nothuli azivakali nasesikalini;neziqithi ngokukwanjalo.

16. Amahlathi aseLebhanon akawanele umlilo,neenyamakazi zakhona azilanele idini elitshiswayo.

17. Izizwe zonke azinto kuThixo;yena akazazele nto konke-konke.

18. Angalinganiswa nabani na uThixo?Khona, angafanekiswa nantoni?

19. Akafani nomfanekiso oqingqwa yingcibi,uze utyatyekwe ngegolide ngumnyibilikisi,uhonjiswe ngamakhonkco esiliva.

20. Ihlwempu elingenasiliva nagolidelithatha umthi ongĂ dliwayo yimpehla,lifune ichule lomchweli,lona loqingqa umfanekiso ongashukumiyo.

21. Ngaba anazi na?Ngaba zange nive na?Zange nixelelwe na kwamandulo?Anikuqaphelanga ukusekwa kwehlabathi?

22. Kaloku ladalwa ngulo ungqendeve esihlalweniemajukujukwini ngaphaya kwesibhakabhaka;kuye uluntu olu lunjengentothoviyane.Ngumtwabululi-sibhakabhaka njengomkhusane,asaneke njengentente yokuhlala.

23. Iinkosi uzitsho zigqush' eluthulini,izithwala-ndwe azivuthulule zingabi nto yanto.

Uisaya 40