Uisaya 40:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam,”utsho kaloku uThixo wenu.

2. “Thethani kakuhle neJerusalem;dandulukani niyixelele ukuba umzabalazo wayo ufezekile.Kaloku izono zayo zixolelwe;*uNdikhoyo uyibonelele ngaphezu kunobugwenxa bayo.”

3. Nâlo ilizwi lidanduluka lisithi:“UNdikhoyo mhlahleleni indlela entlango;uThixo wethu mgeceleni uhola kwelibharhileyo.

4. Zonke izigingqi mazidityelelwe,iintaba neenduli zidilizwe zibe ngamathafa,ke zona izixhobo zigqalwe zibe ziintili,amageduka aletyelwe abe zizithabazi.

5. Ke ubungangamsha bukaNdikhoyo buya kutyhileka,lonke uluntu lububone.Kaloku lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”

6. Ndeva ilizwi lisithi:“Suka udanduluke uthethe.”Ndibuze ndathi: “Ndithethe ndithini na?”“Yithi: ‘Bonke abantu banjengengca;ubomi babo bulingana nobeentyatyambo.

7. Kaloku ingca iyabuna, ivuthuluke intyatyamboyakubethwa ngumoya kaNdikhoyo.Ngenene uluntu nqwa nengca.

8. Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.’ ”

Uisaya 40