Uisaya 38:5-14 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Xelela uHezekiya uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho.

6. Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela.’ ”

7. UIsaya uqhube wathi: “Nanku umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe:

8. umthunzi welanga uza kuwuhlehlisa iinyawo ezilishumi, ubuye umva kulaa ndawo ukuyo kwisitupu sika-Ahazi.”Ngenene ke umthunzi welanga wahlehla iinyawo ezilishumi.

9. Ke kaloku akuphila uHezekiya, ukumkani wakwaJuda, wenza lo mbongo:

10. “Phantse ndathi kanye xa ndiyindodakwafuneka ndindwendwele kwelabafileyo,phofu ndingazukuphinda ndibuxhamle ubomi.

11. Besendisithi soze ndibe sambona apha *uNdikhoyo;besendimncamile kweli lizwe labaphilayo.Bendisithi ndahlukene noluntu mpela,kwanokuhamba-hamba kweli gada lomhlaba.

12. Besendifana nephempe labelusi,ndisithi ubomi bam bunqanyulwe.Njengelaphu lomsonti nam phantse ndasongwa;imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.

13. Bendizibamba ngeenkophe kude kuse;suka yena wandigramza njengengonyama.Imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.

14. Ilizwi lam belinkwiniza ngokwenkonjane,ndiphatha kubhonga njengehobe.Amehlo ade aluzizi ndijonge phezulu.Khawulamle, Mhlekazi, ndafa!

Uisaya 38