Uisaya 38:15-22 Ibhayibhile (XHO96)

15. “Yaz'ba ndingathetha ndithini na kodwa?Kuba lo ngumlomo wakho;ewe, oku kukwenza kwakho.Maxa onke ndohlala ndidakumbilengenxa yokudandatheka komoya wam.

16. Ewe, Mhlekazi, kuphilwa ngolu hlobo;nomoya wam ngoku wanelisekile.Ndinyange nditsho ndibe ngumqaba-qaba,ngoko ke ndiphilele wena.

17. Ubukrakra bube lusizo kum;undihlangule kubo bonke ububi,waza ke wazixolela nezono zam.

18. Akukho bani ukudumisayo engcwabeni;nokufa akumemeleli kukubonge.Abafileyo abakholosanga nganto;abakunanzanga nokunyaniseka kwakho.

19. Kanti ke abaphilayo ngabo abakudumisayo,njengokuba nam ndisenjenjalo namhlanje;ooyise bona bagqithisela kubantwana,bebaxelela ngokunyaniseka kwakho.

20. Ewe, Ndikhoyo, undiphilisile.Ngoku ke songqungqa simemelele,sintyiloze sitsho ngezentambula;siya kukudumisa endlwini yakhongayo yonke imihla yobomi bethu.”

21. Kaloku uIsaya wayeyalele wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane, ukuze liphole, aphile umhlekazi.”

22. UHezekiya wabuza kuIsaya wathi: “Woba yintoni na umqondiso wokuba ndophinda ndibe nako ukuya endlwini kaNdikhoyo?”

Uisaya 38