15. “Yaz'ba ndingathetha ndithini na kodwa?Kuba lo ngumlomo wakho;ewe, oku kukwenza kwakho.Maxa onke ndohlala ndidakumbilengenxa yokudandatheka komoya wam.
16. Ewe, Mhlekazi, kuphilwa ngolu hlobo;nomoya wam ngoku wanelisekile.Ndinyange nditsho ndibe ngumqaba-qaba,ngoko ke ndiphilele wena.
17. Ubukrakra bube lusizo kum;undihlangule kubo bonke ububi,waza ke wazixolela nezono zam.
18. Akukho bani ukudumisayo engcwabeni;nokufa akumemeleli kukubonge.Abafileyo abakholosanga nganto;abakunanzanga nokunyaniseka kwakho.
19. Kanti ke abaphilayo ngabo abakudumisayo,njengokuba nam ndisenjenjalo namhlanje;ooyise bona bagqithisela kubantwana,bebaxelela ngokunyaniseka kwakho.