1. Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba uza kufa, awuzukuphila.’ ”
2. Ke uHezekiya wasuka wafulathela, wajonga eludongeni, wathandaza kuNdikhoyo, wathi:
3. “Khumbula kaloku, Ndikhoyo, ukuba oko ndakunqulayo ndikukhonza ngentembeko nokunyaniseka, ndaba soloko ndihamba ngokomyalelo wakho.” Suka ke wangqukruleka kabuhlungu.
4. UNdikhoyo wayalela uIsaya ngelithi:
5. “Xelela uHezekiya uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho.
6. Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela.’ ”
7. UIsaya uqhube wathi: “Nanku umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe:
8. umthunzi welanga uza kuwuhlehlisa iinyawo ezilishumi, ubuye umva kulaa ndawo ukuyo kwisitupu sika-Ahazi.”Ngenene ke umthunzi welanga wahlehla iinyawo ezilishumi.
9. Ke kaloku akuphila uHezekiya, ukumkani wakwaJuda, wenza lo mbongo:
10. “Phantse ndathi kanye xa ndiyindodakwafuneka ndindwendwele kwelabafileyo,phofu ndingazukuphinda ndibuxhamle ubomi.
11. Besendisithi soze ndibe sambona apha *uNdikhoyo;besendimncamile kweli lizwe labaphilayo.Bendisithi ndahlukene noluntu mpela,kwanokuhamba-hamba kweli gada lomhlaba.
12. Besendifana nephempe labelusi,ndisithi ubomi bam bunqanyulwe.Njengelaphu lomsonti nam phantse ndasongwa;imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.
13. Bendizibamba ngeenkophe kude kuse;suka yena wandigramza njengengonyama.Imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.
14. Ilizwi lam belinkwiniza ngokwenkonjane,ndiphatha kubhonga njengehobe.Amehlo ade aluzizi ndijonge phezulu.Khawulamle, Mhlekazi, ndafa!