Uisaya 37:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi yathi yakuva ukuba ukumkani waseAsiriya umkile eLakishe, suka yarhoxa, yabuya umva, yaza yafika ukumkani esilwa neLibhena.

9. Ke uSenakeribhe wafumana udaba oluthi ukumkani uTiraka umKushe nanko ehlasela iAsiriya. Ngoko ke waphinda wathumela kuHezekiya esithi:

10. “Yithi kukumkani uHezekiya wakwaJuda: ‘Musa ukukhohliswa ngulo Thixo wakho umthembileyo. Uyakuxokisa xa esithi: “IJerusalem ayiyi kuthinjwa ngukumkani waseAsiriya.”

11. Kaloku sowuzivile izigigaba zokumkani waseAsiriya kwezinye izizwe; uyazi ukuba wazibhukuqa wazitshabalalisa tu. Ke wena uthi uya kusinda njani?

12. Babephi *oothixo bezizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo-mkhulu? Abazihlangulanga ngani ke oothixo baseGozan, eHaran, eRezefe, nabo babantu baseIdeni ababeseTelasare?

13. Uphi ngoku ukumkani waseHamati, owaseArpadi; ukumkani wesixeko saseSefarvayim? Yena owaseHena nowaseIva uphi?’ ”

14. Ezo zigidimi zamnika loo leta uHezekiya, waza ke yena wayifunda wayithatha waya nayo endlwini *kaNdikhoyo, wafika wayandlala phambi koNdikhoyo.

15. Wathandaza kuNdikhoyo, wathi:

16. “Ndikhoyo, Somandla-onke, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi *kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena walidala izulu kwanehlabathi.

Uisaya 37