6. uIsaya wathi kuwo: “Yixeleleni inkosi yenu ukuba uNdikhoyo uthi: ‘Musa ukuxhalaba yiloo nto uyivileyo – loo mazwi athethwe ngamaphakathi kakumkani waseAsiriya endithuka.
7. Uyabona ke, mna ndiza kumfaka umoya wokuba athi akuva umingi-mingi lodaba oluthile, asuke abuyele kwelakowabo. Khona apho ke ndiya kwenza ukuba abulawe ngekrele.’ ”
8. Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi yathi yakuva ukuba ukumkani waseAsiriya umkile eLakishe, suka yarhoxa, yabuya umva, yaza yafika ukumkani esilwa neLibhena.
9. Ke uSenakeribhe wafumana udaba oluthi ukumkani uTiraka umKushe nanko ehlasela iAsiriya. Ngoko ke waphinda wathumela kuHezekiya esithi:
10. “Yithi kukumkani uHezekiya wakwaJuda: ‘Musa ukukhohliswa ngulo Thixo wakho umthembileyo. Uyakuxokisa xa esithi: “IJerusalem ayiyi kuthinjwa ngukumkani waseAsiriya.”
11. Kaloku sowuzivile izigigaba zokumkani waseAsiriya kwezinye izizwe; uyazi ukuba wazibhukuqa wazitshabalalisa tu. Ke wena uthi uya kusinda njani?
12. Babephi *oothixo bezizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo-mkhulu? Abazihlangulanga ngani ke oothixo baseGozan, eHaran, eRezefe, nabo babantu baseIdeni ababeseTelasare?
13. Uphi ngoku ukumkani waseHamati, owaseArpadi; ukumkani wesixeko saseSefarvayim? Yena owaseHena nowaseIva uphi?’ ”
14. Ezo zigidimi zamnika loo leta uHezekiya, waza ke yena wayifunda wayithatha waya nayo endlwini *kaNdikhoyo, wafika wayandlala phambi koNdikhoyo.
15. Wathandaza kuNdikhoyo, wathi:
16. “Ndikhoyo, Somandla-onke, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi *kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena walidala izulu kwanehlabathi.
17. Kaloku ke, Ndikhoyo, khawubek' iindlebe uphulaphule. Vula amehlo akho ujonge, Ndikhoyo. Khawuweve onke la mazwi awathumeleyo uSenakeribhe, ethuka uThixo ophilayo.
18. Ngenene, Ndikhoyo, ookumkani baseAsiriya bazibhuqa bazitshabalalisa ezi zizwe zonke kunye nemihlaba yazo.
19. Oothixo bazo wabafaka emlilweni, wabatshabalalisa; kuba kakade babengethixo, koko yayiyimifanekiso eqingqwe zizandla zabantu ngomthi nangelitye.
20. Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wethu, khawusihlangule kulo mfo, khon' ukuze zonke izikumkani zehlabathi ziqonde ukuba nguwe wedwa uNdikhoyo.”
21. Ke uIsaya unyana ka-Amozi wathumela umyalezo kuHezekiya, esithi: “*UNdikhoyo uThixo kaSirayeli uthi: ‘Ndiwuvile umthandazo wakho mayela nokumkani waseAsiriya uSenakeribhe.’
22. “Mayela naye ke uNdikhoyo uthi:‘Okokwakho, wena Senakeribhe,isixeko iZiyon siyakugcolodela,isixeko iZiyon sihlekisa ngawe.Ewe, iJerusalem ihlunguzel' intlokoxa ikubona wena uswantsula.
23. Ngubani lo umngcikiva ngezinyeliso ezinje?Uba uthetha nabani, ukhwaza nje?Ngubani lo umjonge ngekratshi?Lowo ke nguYedwa kaSirayeli!