Uisaya 37:34-38 Ibhayibhile (XHO96)

34. Ewe, wobuya agoduke kwangendlela ebeze ngayo.Soze angene kwesi sixeko!Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo.

35. Ndiya kusihlanganisela esi sixeko;ewe, mna ndiya kusihlangula.Ngenxa yesidima segama lam,nangenxa yesicaka sam uDavide,yonke loo nto ndiya kuyenza.’ ”

36. Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo saya kumkhosi wama-Asiriya, safika sabulala ikhulu elinamashumi asibhozo anantlanu lamawaka amajoni. Bathe ke bakuvuka ngentsasa elandelayo bazibona izidumbu zithe gangalala!

37. Ngoko ke uSenakeribhe, ukumkani waseAsiriya, wazichitha warhoxa, wabuyela eNiniva, wahlala khona.

38. Ngamhla uthile ke uthe esanqula kwindlu yothixo wakhe uNiseroki, suka oonyana bakhe uAdrameleki noSharezere bamhlasela, bambulala ngekrele, baza ke babalekela kwelaseArarati. Ke uEsaradoni, omnye koonyana bakhe, wangena esikhundleni sakhe, wangukumkani.

Uisaya 37