Uisaya 37:26-38 Ibhayibhile (XHO96)

26. “ ‘Ngaba awuzange uve na,ukuba le nto yamiselwa ndim,ukuba sekuntsuku ndayicwangcisayole nto yenzekayo namhlanje,ukuba wena udilize izixeko ezinqatyisiweyo,uzivuthulule zitsho zibe ngamabhodlo?

27. Abemi bazo baphelelwe ngamandla;bathe nkamalala, bayanyongoba.Nqwa nomfino emasimini phayangathi zizithombo ezithukuzayo;ngathi yingc' entshula phezu kwendlu,esuk' itshe ingakhulanga nokukhula.

28. “ ‘Kambe ke ndikwazi kakuhle;ndikwazi ukusuka nokuhlalanamagwevu okundivukela kwakho.

29. Kaloku wena uzimisele ukulwa nam.Ndivile nangokundinyelisa kwakho.Ndiza kukuqhobosha impumlo,ndikufake umkhala emlonyeni,ndikubuyisele aph' ubuvela khona.’

30. “Nanku ke umqondiso wakho, Hezekiya:“ ‘Kulo nyaka uza kutya ummilela,kowesibini utye ummilela wommilela,kowesithathu ke uhlwayele uvune,utyale izidiliya, utye iziqhamo zazo.

31. Ophinda ke amasalela endlu kaJuda amile;ewe, aya kuzinza, aqhelezele yinkqubela.

32. Kaloku amasalela ovela eJerusalem,lithi nyalulu kwintaba iZiyon iqela lâbo babhungcileyo.UNdikhoyo onekhwele,nditsho uSomandla-onke,nguye oya kuyenza loo nto.’

33. “Ewe, uNdikhoyo uthethe ngolu hlobo mayela nokumkani waseAsiriya:“ ‘Akasoze angene kwesi sixeko,engayi kudubula lutolo apha.Akasoze eze phambi kwaso,engayi kusihlanganisela ngakhaka.Akasayi kwakha asingqinge esi sixeko.

34. Ewe, wobuya agoduke kwangendlela ebeze ngayo.Soze angene kwesi sixeko!Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo.

35. Ndiya kusihlanganisela esi sixeko;ewe, mna ndiya kusihlangula.Ngenxa yesidima segama lam,nangenxa yesicaka sam uDavide,yonke loo nto ndiya kuyenza.’ ”

36. Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo saya kumkhosi wama-Asiriya, safika sabulala ikhulu elinamashumi asibhozo anantlanu lamawaka amajoni. Bathe ke bakuvuka ngentsasa elandelayo bazibona izidumbu zithe gangalala!

37. Ngoko ke uSenakeribhe, ukumkani waseAsiriya, wazichitha warhoxa, wabuyela eNiniva, wahlala khona.

38. Ngamhla uthile ke uthe esanqula kwindlu yothixo wakhe uNiseroki, suka oonyana bakhe uAdrameleki noSharezere bamhlasela, bambulala ngekrele, baza ke babalekela kwelaseArarati. Ke uEsaradoni, omnye koonyana bakhe, wangena esikhundleni sakhe, wangukumkani.

Uisaya 37