Uisaya 37:17-34 Ibhayibhile (XHO96)

17. Kaloku ke, Ndikhoyo, khawubek' iindlebe uphulaphule. Vula amehlo akho ujonge, Ndikhoyo. Khawuweve onke la mazwi awathumeleyo uSenakeribhe, ethuka uThixo ophilayo.

18. Ngenene, Ndikhoyo, ookumkani baseAsiriya bazibhuqa bazitshabalalisa ezi zizwe zonke kunye nemihlaba yazo.

19. Oothixo bazo wabafaka emlilweni, wabatshabalalisa; kuba kakade babengethixo, koko yayiyimifanekiso eqingqwe zizandla zabantu ngomthi nangelitye.

20. Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wethu, khawusihlangule kulo mfo, khon' ukuze zonke izikumkani zehlabathi ziqonde ukuba nguwe wedwa uNdikhoyo.”

21. Ke uIsaya unyana ka-Amozi wathumela umyalezo kuHezekiya, esithi: “*UNdikhoyo uThixo kaSirayeli uthi: ‘Ndiwuvile umthandazo wakho mayela nokumkani waseAsiriya uSenakeribhe.’

22. “Mayela naye ke uNdikhoyo uthi:‘Okokwakho, wena Senakeribhe,isixeko iZiyon siyakugcolodela,isixeko iZiyon sihlekisa ngawe.Ewe, iJerusalem ihlunguzel' intlokoxa ikubona wena uswantsula.

23. Ngubani lo umngcikiva ngezinyeliso ezinje?Uba uthetha nabani, ukhwaza nje?Ngubani lo umjonge ngekratshi?Lowo ke nguYedwa kaSirayeli!

24. Wena uthumele izigidimi,uNdikhoyo wamfumba ngezithuko;kaloku ugcolode wathi: “Mna ndinenyambalala yeenqwelo;ngazo ndiqabel' iintab' eziphakamileyo,loo malenga-lenga aseLebhanon.Ndiyigawule imisedare yayo emidenaloo mipayini yayo ingayiwayo.De ndafikelela nasekudeni,nditsho esitsikolweni sehlathi.

25. Ndimbe amaqula kumazwe eentlanga,ndaza ke ndasela amanzi khona.Ndingqishe ngonyawo kuphela,ngazo zona ezi nyawo zam,zatsho zoma zonk' iintlambo eJiputa.”

26. “ ‘Ngaba awuzange uve na,ukuba le nto yamiselwa ndim,ukuba sekuntsuku ndayicwangcisayole nto yenzekayo namhlanje,ukuba wena udilize izixeko ezinqatyisiweyo,uzivuthulule zitsho zibe ngamabhodlo?

27. Abemi bazo baphelelwe ngamandla;bathe nkamalala, bayanyongoba.Nqwa nomfino emasimini phayangathi zizithombo ezithukuzayo;ngathi yingc' entshula phezu kwendlu,esuk' itshe ingakhulanga nokukhula.

28. “ ‘Kambe ke ndikwazi kakuhle;ndikwazi ukusuka nokuhlalanamagwevu okundivukela kwakho.

29. Kaloku wena uzimisele ukulwa nam.Ndivile nangokundinyelisa kwakho.Ndiza kukuqhobosha impumlo,ndikufake umkhala emlonyeni,ndikubuyisele aph' ubuvela khona.’

30. “Nanku ke umqondiso wakho, Hezekiya:“ ‘Kulo nyaka uza kutya ummilela,kowesibini utye ummilela wommilela,kowesithathu ke uhlwayele uvune,utyale izidiliya, utye iziqhamo zazo.

31. Ophinda ke amasalela endlu kaJuda amile;ewe, aya kuzinza, aqhelezele yinkqubela.

32. Kaloku amasalela ovela eJerusalem,lithi nyalulu kwintaba iZiyon iqela lâbo babhungcileyo.UNdikhoyo onekhwele,nditsho uSomandla-onke,nguye oya kuyenza loo nto.’

33. “Ewe, uNdikhoyo uthethe ngolu hlobo mayela nokumkani waseAsiriya:“ ‘Akasoze angene kwesi sixeko,engayi kudubula lutolo apha.Akasoze eze phambi kwaso,engayi kusihlanganisela ngakhaka.Akasayi kwakha asingqinge esi sixeko.

34. Ewe, wobuya agoduke kwangendlela ebeze ngayo.Soze angene kwesi sixeko!Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo.

Uisaya 37