11. Kaloku sowuzivile izigigaba zokumkani waseAsiriya kwezinye izizwe; uyazi ukuba wazibhukuqa wazitshabalalisa tu. Ke wena uthi uya kusinda njani?
12. Babephi *oothixo bezizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo-mkhulu? Abazihlangulanga ngani ke oothixo baseGozan, eHaran, eRezefe, nabo babantu baseIdeni ababeseTelasare?
13. Uphi ngoku ukumkani waseHamati, owaseArpadi; ukumkani wesixeko saseSefarvayim? Yena owaseHena nowaseIva uphi?’ ”
14. Ezo zigidimi zamnika loo leta uHezekiya, waza ke yena wayifunda wayithatha waya nayo endlwini *kaNdikhoyo, wafika wayandlala phambi koNdikhoyo.
15. Wathandaza kuNdikhoyo, wathi:
16. “Ndikhoyo, Somandla-onke, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi *kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena walidala izulu kwanehlabathi.
17. Kaloku ke, Ndikhoyo, khawubek' iindlebe uphulaphule. Vula amehlo akho ujonge, Ndikhoyo. Khawuweve onke la mazwi awathumeleyo uSenakeribhe, ethuka uThixo ophilayo.
18. Ngenene, Ndikhoyo, ookumkani baseAsiriya bazibhuqa bazitshabalalisa ezi zizwe zonke kunye nemihlaba yazo.
19. Oothixo bazo wabafaka emlilweni, wabatshabalalisa; kuba kakade babengethixo, koko yayiyimifanekiso eqingqwe zizandla zabantu ngomthi nangelitye.
20. Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wethu, khawusihlangule kulo mfo, khon' ukuze zonke izikumkani zehlabathi ziqonde ukuba nguwe wedwa uNdikhoyo.”
21. Ke uIsaya unyana ka-Amozi wathumela umyalezo kuHezekiya, esithi: “*UNdikhoyo uThixo kaSirayeli uthi: ‘Ndiwuvile umthandazo wakho mayela nokumkani waseAsiriya uSenakeribhe.’
22. “Mayela naye ke uNdikhoyo uthi:‘Okokwakho, wena Senakeribhe,isixeko iZiyon siyakugcolodela,isixeko iZiyon sihlekisa ngawe.Ewe, iJerusalem ihlunguzel' intlokoxa ikubona wena uswantsula.
23. Ngubani lo umngcikiva ngezinyeliso ezinje?Uba uthetha nabani, ukhwaza nje?Ngubani lo umjonge ngekratshi?Lowo ke nguYedwa kaSirayeli!
24. Wena uthumele izigidimi,uNdikhoyo wamfumba ngezithuko;kaloku ugcolode wathi: “Mna ndinenyambalala yeenqwelo;ngazo ndiqabel' iintab' eziphakamileyo,loo malenga-lenga aseLebhanon.Ndiyigawule imisedare yayo emidenaloo mipayini yayo ingayiwayo.De ndafikelela nasekudeni,nditsho esitsikolweni sehlathi.
25. Ndimbe amaqula kumazwe eentlanga,ndaza ke ndasela amanzi khona.Ndingqishe ngonyawo kuphela,ngazo zona ezi nyawo zam,zatsho zoma zonk' iintlambo eJiputa.”
26. “ ‘Ngaba awuzange uve na,ukuba le nto yamiselwa ndim,ukuba sekuntsuku ndayicwangcisayole nto yenzekayo namhlanje,ukuba wena udilize izixeko ezinqatyisiweyo,uzivuthulule zitsho zibe ngamabhodlo?
27. Abemi bazo baphelelwe ngamandla;bathe nkamalala, bayanyongoba.Nqwa nomfino emasimini phayangathi zizithombo ezithukuzayo;ngathi yingc' entshula phezu kwendlu,esuk' itshe ingakhulanga nokukhula.
28. “ ‘Kambe ke ndikwazi kakuhle;ndikwazi ukusuka nokuhlalanamagwevu okundivukela kwakho.