Uisaya 37:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku wathi akuziva ezi ndaba ukumkani uHezekiya, suka wakhathazeka, wazikrazula izambatho zakhe, wanxiba ezirhwexayo zokuzila, waya endlwini *kaNdikhoyo.

2. Wathuma uEliyakim umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, kunye nababingeleli abaphambili, bonke benxibe ezirhwexayo zokuzila, wathi mabaye *kumshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi.

3. Baya, bafika bathi: “UHezekiya uthi: ‘Lo ngumhla wenkxwaleko, impoxo, nehlazo. Sifana nomfazi ofikelwe lixesha lakhe lokuzala, kodwa engenawo amandla okujongana naloo meko.

4. Makube uNdikhoyo uThixo wakho uwevile onke amazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi leyo ibithunywe yinkosi yayo ukumkani waseAsiriya ukuze ize kuphoxisa ngoThixo ophilayo. Ngamana yakhalinyelwa ngenxa yamazwi aweve ngokwakhe uNdikhoyo uThixo wakho. Ngoko ke nceda uthandazele amasalela asindileyo.’ ”

5. Athe ke akufika kuIsaya loo maphakathi kakumkani uHezekiya,

6. uIsaya wathi kuwo: “Yixeleleni inkosi yenu ukuba uNdikhoyo uthi: ‘Musa ukuxhalaba yiloo nto uyivileyo – loo mazwi athethwe ngamaphakathi kakumkani waseAsiriya endithuka.

7. Uyabona ke, mna ndiza kumfaka umoya wokuba athi akuva umingi-mingi lodaba oluthile, asuke abuyele kwelakowabo. Khona apho ke ndiya kwenza ukuba abulawe ngekrele.’ ”

Uisaya 37