6. Umkhonto kaNdikhoyo wodad' egazini;ewe, utsho waxhapha ngamanqathangathi ligazi lamatakane neebhokhwe,namanqatha ezintso zenkunz' egusha.EBhozera uNdikhoyo uya kwenza idini;ewe, yoba ngamatyadidi kwaEdom.
7. Abantu baya kuwa njengenqu;bafane neenkunzi ezindala nezingamathole.Umhlaba uya kufuma ligazi,nothuli lunyephe ngamafutha.
8. Ngemini yakhe uNdikhoyo wophindezela,unyaka wembuyekezo ngenxa yeZiyon.
9. Imilamb' e-Edom yoba mnyama,umhlaba ufane nesalfure;umhlaba wofana netha evuthayo.
10. Wodangazela imini nobusuku,umsi utsho ngomlembelele othunquzayo,kube zizizukulwana ngezizukulwana libharhile,kungaze kunqumle mntu khona,
11. ilizwe limiwe sisikhova nesihulu-hulu,limiwe ngookhwalimanzi namahlungulu.UThixo wolibharhisa kwakhona elakwaEdom,libe njengelamandulo kungekadalwa nto.
12. Sobe kubekho kumkani ulawulayo;izinxiba-mxhaka zophel' emehlweni.
13. Izakhiwo zomila ameva nobobo,iinqaba zambathwe lutshungu nesinama.Yoba sisikhululo soodyakalashe,ibe likhaya lezikhova.