3. Izidumbu aziyi kungcwatywa;zothi xakalala ziqungquluze – mh-mh-mh!Iintaba zonyepha ligazi labo.
4. Iinkwenkwezi nemikhosi yazo zonke zosuka zisumke zinyamalale;isibhakabhaka sosongwa ngathi ngumqulu,iinkwenkwezi zivuthuluke okwamagqabi,zitshaze ngathi ngamagqab' omdiliya nomkhiwane.
5. Emazulwini umkhonto wam uxhaphile;nanko usihlela e-Edom,abantu abagwetyw' intshabalalo.
6. Umkhonto kaNdikhoyo wodad' egazini;ewe, utsho waxhapha ngamanqathangathi ligazi lamatakane neebhokhwe,namanqatha ezintso zenkunz' egusha.EBhozera uNdikhoyo uya kwenza idini;ewe, yoba ngamatyadidi kwaEdom.
7. Abantu baya kuwa njengenqu;bafane neenkunzi ezindala nezingamathole.Umhlaba uya kufuma ligazi,nothuli lunyephe ngamafutha.
8. Ngemini yakhe uNdikhoyo wophindezela,unyaka wembuyekezo ngenxa yeZiyon.