Uisaya 34:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Sondelani, zizwe, niphulaphule;inzwi kaloku nakuni, zintlanga.Maliphulaphule ihlabathi nenzaliseko yalo;ihlabathi nemveliso yalo yonke malimamele.

2. Kalok' *uNdikhoyo ulwa nazo zonke izizwe,uxabene nayo yonk' imikhosi yazo.Wozibhubhisa xa zizonke,zonke azixhaxhe kuphele.

3. Izidumbu aziyi kungcwatywa;zothi xakalala ziqungquluze – mh-mh-mh!Iintaba zonyepha ligazi labo.

4. Iinkwenkwezi nemikhosi yazo zonke zosuka zisumke zinyamalale;isibhakabhaka sosongwa ngathi ngumqulu,iinkwenkwezi zivuthuluke okwamagqabi,zitshaze ngathi ngamagqab' omdiliya nomkhiwane.

5. Emazulwini umkhonto wam uxhaphile;nanko usihlela e-Edom,abantu abagwetyw' intshabalalo.

6. Umkhonto kaNdikhoyo wodad' egazini;ewe, utsho waxhapha ngamanqathangathi ligazi lamatakane neebhokhwe,namanqatha ezintso zenkunz' egusha.EBhozera uNdikhoyo uya kwenza idini;ewe, yoba ngamatyadidi kwaEdom.

7. Abantu baya kuwa njengenqu;bafane neenkunzi ezindala nezingamathole.Umhlaba uya kufuma ligazi,nothuli lunyephe ngamafutha.

8. Ngemini yakhe uNdikhoyo wophindezela,unyaka wembuyekezo ngenxa yeZiyon.

9. Imilamb' e-Edom yoba mnyama,umhlaba ufane nesalfure;umhlaba wofana netha evuthayo.

10. Wodangazela imini nobusuku,umsi utsho ngomlembelele othunquzayo,kube zizizukulwana ngezizukulwana libharhile,kungaze kunqumle mntu khona,

11. ilizwe limiwe sisikhova nesihulu-hulu,limiwe ngookhwalimanzi namahlungulu.UThixo wolibharhisa kwakhona elakwaEdom,libe njengelamandulo kungekadalwa nto.

12. Sobe kubekho kumkani ulawulayo;izinxiba-mxhaka zophel' emehlweni.

13. Izakhiwo zomila ameva nobobo,iinqaba zambathwe lutshungu nesinama.Yoba sisikhululo soodyakalashe,ibe likhaya lezikhova.

14. Koba lapho angqungqa khona amarhamncwa,zikhwazane khona neendimoni.Yoxhwarha khona nerhorho yobusuku,izula-zule iphathe kuphumla.

15. Isikhova siya kwakha sizalele khona;zofukama zide ziqandusele,ziwakhulisele khona amathole azo.Oontloyiya boqokelelana bonwabisane khona.

16. Khangela encwadini kaNdikhoyo ufunde:Kwezi zilo akukho singekhoyo,kungekho nesingenaqabane laso,kuba lowo ngumlomo kaNdikhoyo,nguMoya wakhe oya kuziqokelela.

17. Isekwanguye oya kuzabelaazinike inxaxheba ngazinye ngazinye.Elo yoba likhaya lazo naphakade,zime khona izizukulwana ngezizukulwana.

Uisaya 34