Uisaya 33:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngoku koohola sekuthe bhe;abahambi abavakali ndawo konke.Izivumelwano ziyakrotyozwa;ke izixeko zideliwe,akusekho mntu uhlonitshwayo.

9. Umhlaba ulele, ngamafusi nje,amahlathi aseLebhanon atshazile;ngoku iSharon ifana nentili yasentlango,imithi ibunile eBhashan naseKarmele.

10. *UNdikhoyo uthi:“Ngoku ke ndosuka ndiphakame;niza kububona ubungangamsha bam;ewe kaloku, ndiza kuzimaseka.

11. Nikhawul' umququ, nizal' inkintshi-nkintshi;kaloku nizitshabalalisa kwangokwenu.

12. Izizwe ziya kutshiswa okwamatye ekalika;ziya kufakwa umlilo okwezihlahla zameva.

13. Nina bantu bakude, phulaphulani;ewe, yiveni into endiyenzileyo;nina bakufuphi, wavumeni amandla am.”

14. Aboni baseZiyon bayagubha liphaphu,abangakhathalele Thixo bayangcangcazela.“Ngubani ke kuthi ongamelana nomlilo olenyayo?Ngubani onganyamezela umlilo ongacimekiyo?”

15. Ngondlela zithe ngqo nothetha kakuhle,nongafuni kungenelwa ngengcinezelo,noyingcathu ongazamkeliyo izicengo,ongahambisaniyo nabafutha amayelenqe,umntu ongafunaniyo nezinto ezimbi.

Uisaya 33