5. Isiyatha akusayi kuthiwa ngohloniphekileyo;neqhophololo akusayi kuthiwa ngonyanisekileyo.
6. Kaloku isiyatha sitheth' ubuyatha,nengqiqo yaso iqulunqa ubugwenxa.Sizixakekise ngenkohliso;*uNdikhoyo sihlala simcukuceza ngengcikivo.Simshiya enjalo umntu othezwa liphango,singamkhathalele nganto nokhotheke lunxano.
7. Umntu oyindlavini nezenzo zakhe zinenkohlakalo;uba soloko efutha ukwenza ububi,ezama ukubhubhisa amahlwempu ngenkohliso,khon' ukuze awavimbe amalungelo awo.
8. Ke yena onesidima uneengcingane ezizimasekileyo,nemisebenzi yakhe ingqinelana nento ayiyo.
9. Phakamani nindiphulaphule ke nani,nditsho nina, zimazi zingaxhalele nto;bekan' iindlebe nive xa ndithethayo,nina zintombi ezingáthi zikhuselekile.
10. Ningade nibe ngathi nanelisekile ngoku,kodwa kozayo unyaka nongcungcutheka,kuba idiliya yona yosuka iphunze,singabikho tu isivuno seziqhamo.
11. Xhalabani, zimazi ezihlala zingaxhalele nto;hlahlambani, zintombi ezingenaluvalo;khululani, nithi gatya ezenzila.
12. Yho-o-o amasimi! Kwakhe kwanje phi na?Awu! Sashiya senzeka ngeediliya!
13. Gixani ngenxa yomhlaba wabantu bam,kuba namhla sowugqunywe ngameva nobobo.Hlahlambani ngenxa yamakhaya avuyayo;ewe, silileleni isixeko esixokozelayo.