Uisaya 30:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kaloku iJiputa ize, ayinaluncedo mpela;yiyo loo nto ndiyibiza ngokuthi nguRahabhi ongenamsebenzi,nditsho ikhwang' elinqunyulwe neempondo.

8. UThixo wandiyalela wathi:“Krola ecwecweni, ubhale encwadini,obo ibe bubungqina obuhlala buhleli.

9. Aba ngabantu abangalawulekiyo,sisizukulwana esinenkohliso,abantu abangazimisele kuphulaphula,abayichasayo ingqeqesho *kaNdikhoyo.

10. Kubashumayeli bathi:‘Yithini cwaka ngemibono!Sanukusifundekela ngeemfanelo zethu!Sithuthuzeleni sihlale sinje;siboneleni okungamampunge.

11. Sudukani, sanukuxaba endleleni;asifuni nokuva ngoYedwa uThixo kaSirayeli.’ ”

12. Ngoko ke uYedwa kaSirayeli uthi:“Ngokuba ningaluvumanga olu daba,koko nisuke naqamela ngenkohliso nengcinezelo,

13. ngoko ke anikho lityala,nifana nqwa nodonga oluphakamileyoolunenkenkewula yethanda;ewe, sekulindeleke isithonga nanini na.

14. Losuka lupharhake ngathi yingqayi entlekeke yaba ziingcebaezingenakukha malahle eziko namanzi equleni.”

15. Utsho uMhlekazi uNdikhoyo, nditsho uYedwa kaSirayeli, uthi:“Nosinda ngenguquko nokuzinikezela kum;amandla enu kukuzola nokuthembela kum.Phi ke, nisala nje!

16. Ndaweni yaloo nto nithi:‘Sosuka sisabe ngamahashe.’Ewe, kungaba njalo.Nithi: ‘Amahashe ethu angaphala gqitha.’Ewe, amahashe enu angaphala nakangakokodwa nofunyanwa ngabanisukelayo.

17. Iwaka losukeliswa lijoni elinye;xa ninonke niya kugxothwa ngamajoni amahlanu qha,nibaleke nisabe nibe njengendwe emi yodwa entabeni phaya,nayo ke iyeyentlaba-mkhosi.”

Uisaya 30