Uisaya 30:30-33 Ibhayibhile (XHO96)

30. Wonke umntu uya kukuva ukuhlokoma kwelizwi likaNdikhoyo,ngokunjalo azive nezabhokhwe zengqumbo yakhe.Kuya kubakho amadangatye nogqabhuko-mafu,isichotho nezandyondyo zemvula.

31. Ilizwi likaNdikhoyo liya kumrhwaqelisa uAsiriya,intonga yakhe imkhahlele phantsi.

32. Wothi ephindelela nje uNdikhoyo ukuwohlwaya ama-Asiriyangaloo nduku yakhe yesohlwayo,babe bona abantu bakhe bentyilozabengqungqa ngamagubu neekatala,abe yena esilwa nawo.

33. Kambe ke kudala lalungiswayo labaswa iziko,iziko ekuya kutshiswa kulo ukumkani waseAsiriya.Yinzongo-nzongo yomngxuma obanzi,iinkuni zifunjwe zayintaba.Ke yena uNdikhoyo wosuka avutheleatsho ngomlambo wedangatye,unqanqaze umlilo.

Uisaya 30