30. Wonke umntu uya kukuva ukuhlokoma kwelizwi likaNdikhoyo,ngokunjalo azive nezabhokhwe zengqumbo yakhe.Kuya kubakho amadangatye nogqabhuko-mafu,isichotho nezandyondyo zemvula.
31. Ilizwi likaNdikhoyo liya kumrhwaqelisa uAsiriya,intonga yakhe imkhahlele phantsi.
32. Wothi ephindelela nje uNdikhoyo ukuwohlwaya ama-Asiriyangaloo nduku yakhe yesohlwayo,babe bona abantu bakhe bentyilozabengqungqa ngamagubu neekatala,abe yena esilwa nawo.
33. Kambe ke kudala lalungiswayo labaswa iziko,iziko ekuya kutshiswa kulo ukumkani waseAsiriya.Yinzongo-nzongo yomngxuma obanzi,iinkuni zifunjwe zayintaba.Ke yena uNdikhoyo wosuka avutheleatsho ngomlambo wedangatye,unqanqaze umlilo.