24. Ke zona iinkabi needonki enilima ngazo ziya kondliwa ngomxube wezidlo zodidi.
25. Kogqabhuka imithombo yamanzi ezintabeni nasezindulini ngaloo mini inkulu yokuhlaselwa nokuwa kweenqaba zeentshaba zenu, nazo ngokwazo zibulawe.
26. Inyanga yoqaqamba njengelanga, ke lona ilanga liqaqambe ngokuphindwe kasixhenxe, kube ngathi kubandakanywa ukukhanya kweentsuku ezisixhenxe ndawonye. Koba njalo ke mhla uNdikhoyo wawabopha amanxeba awenze kubantu bakhe, azihlambe neenduma zabo.
27. Nango amandla nobungangamsha,*obukaNdikhoyo buthi gqi kwelikude;intshinyela yomsi idiza ingqumbo yakhe,ubebezelis' imilebe ngumsindo,ulwimi lulatyuzelis' amalangatye.
28. Umphefumlo wakhe ukhukulisa njengomlambo,ngathi ngumlamb' ozele wada watyekeza,uhluz' izizwe ngentshabalalo,uzirhintyela ngomkhala wolahlekiso.