9. Ubutyala babo abufihlakali;kaloku banjengeSodom, badlisela ngokona.Futhi ke abanazazela ngaloo nto;ewe, kunyembelekile kubo!Isikhuni sibuye nomkhwezeli.
10. Kambe ke, hayi inyhweba yâbo balungisayo!Bona baya kuxhamla iziqhamo zemisebenzi yabo.
11. Kodwa ke kunyembelekile ngakwizikhohlakali,kuba zojikelwa kwazizenzo zazo.
12. Abantu bam baxhatshazwa naziimveku,bade balawulwe nangabafazi.Ewe, lusapho lwam, iinkokheli zenu ziyanintlokothisa;senide nadideka, anayazi nemaniyenze.
13. Ngoku *uNdikhoyo uzimisele ukuxoxa;seleza kugweba iintlanga.
14. Ewe, uza kuwisa isigwebo kumadod' amakhulu nakumatshawe.Nasi isityholo asimisayo:“Nini abanqwamze isidiliya,nemizi yenu iyaphuphuma zizinto eniziphange kubantu abahlelelekileyo.
15. Ngani ukuba nibaxushe abantu bam?Ngani ukuba niwaxhaphaze amahlwempu?Lumkani ke, kuba ndithethile mna Ndikhoyo onamandla onke.”
16. *UNdikhoyo uyathetha, uthi:“Asikratshi kubafazi baseJerusalem!Bafathula nje, beqhiwul' iintamo.Ungafika belaqaza, becel' injezu.Ewe, nâbo bechul' ukunyathela,bekrocozisa loo miliza yabo.
17. Ewe, ndiza kubagugula iinwele,ndibarhawule ngesikhakh' entloko,batsho ngaloo mabunzi achengezelayo.”