7. Kambe ke lowo uya kuphendula athi:“Hayi, ndiyekeni, andinako mpela mna.Ndiyimpula kalujaca; andinakutya nazambatho;ngoko ke andinako ukunikhokela.”
8. Kaloku iJerusalem iyafadalalanelakwaJuda livuthulukile.Kaloku ukuthetha nokwenza kwabo kusoloko kuchasene noNdikhoyo.UThixo bamdelile; abamazele nto mpela.
9. Ubutyala babo abufihlakali;kaloku banjengeSodom, badlisela ngokona.Futhi ke abanazazela ngaloo nto;ewe, kunyembelekile kubo!Isikhuni sibuye nomkhwezeli.
10. Kambe ke, hayi inyhweba yâbo balungisayo!Bona baya kuxhamla iziqhamo zemisebenzi yabo.